Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 50:16-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Nqumlani umhlwayeli eBhabheli, nophethe irhengqa ngexesha lokuvuna. Ngenxa yekrele elidlavulayo elowo ubheka ebantwini bakowabo, elowo usabela ezweni lakowabo.

17. Úyigusha elusali uSirayeli; ubhejethwe ziingonyama. Ngukumkani waseAsiriya owaqala wamdla; ngoku, owokugqibela umqobi wamathambo akhe nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli.

18. Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyamvelela ukumkani waseBhabheli nelizwe lakhe, njengoko ndamvelelayo ukumkani waseAsiriya.

19. Ndiya kumbuyisela uSirayeli ekriweni lakhe, adle eKarmele naseBhashan, uhluthe umphefumlo wakhe ezintabeni zakwaEfrayim nezaseGiliyadi.

20. Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, buya kufunwa ubugwenxa bukaSirayeli, bungabikho; nezono zikaYuda zingafumaneki; ngokuba ndiya kubaxolela endibasalisileyo.

21. Ilizwe lakwaNkani-ziphindwe-kabini, nyuka uye kulo kanye, kubemi belakwaKohlwaywa; bharhisa usingele phantsi emva kwabo, utsho uYehova; wenze ngako konke endakuwisela umthetho ngako.

22. Isithonga semfazwe siselizweni, nokwaphuka okukhulu.

23. Hayi, ukuxakaxwa, ukwaphulwa kwesando sehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa kweBhabheli ummangaliso phakathi kweentlanga!

24. Ndikuthiyéle, wabanjiswa nokubanjiswa, Bhabheli, ungâzi ke wena; ùfunyenwe, wathinjwa nokuthinjwa, ngokuba ulwe noYehova.

25. UYehova uyivulile indlu yezixhobo zakhe, wazikhupha iimpahla zokubhavuma kwakhe; ngokuba inomsebenzi iNkosi, uYehova wemikhosi, ezweni lamaKaledi.

26. Yizani kulo, nivale ngeenxa zonke; vulani amaqonga alo; lifumbeni ngokwezidimbilili, nilisingele phantsi, kungasali nento kulo.

27. Hlabani zonke iinkunzi zalo ezintsha zeenkomo; mazithotyelwe ekuxhelweni. Yeha ke bona! Ngokuba iyeza imini yabo, ixesha lokuvelelwa kwabo.

28. Phulaphulani! Nabó abasabàyo, abasindàyo ezweni laseBhabheli, ukuba baxele eZiyon impindezelo kaYehova uThixo wethu, impindezelo yetempile yakhe.

29. Bahlabeleni umkhosi abatoli, beze eBhabheli, bonke abatyedi besaphetha; yingqingeni ngeenxa zonke. Makungabikho usindayo; yivuzeni ngokomsebenzi wayo; ngako konke eyakwenzayo, yenzani ngako kuyo; ngokuba ikhukhumele kuYehova, koyiNgcwele kaSirayeli.

30. Ngako oko aya kuwa ezitratweni zayo amadodana ayo, athi shwaka ngaloo mini onke amadoda ayo okulwa; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 50