Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 50:10-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Loba lixhoba elamaKaledi; bonke abalithimbayo baya kuhlútha; utsho uYehova.

11. Nàkuba nivuya njalo, nàkuba nidlamkile, baphangi belifa lam, nàkuba nidloba njengethokazi elibhulayo, nilila njengeembalasane zamahashe:

12. úya kudana kakhulu unyoko; úya kuba neentloni onizalayo. Yabonani, olokugqibela ezintlangeni luya kuba yintlango, umqwebedu, inkqantosi.

13. Ngenxa yoburhalarhume bukaYehova ayisayi kumiwa; kuya kuba senkangala kuyo yonke iphela. Bonke abadlulayo eBhabheli baya kumangaliswa, benze umsondlo ngenxa yokubethwa kwayo konke.

14. Yakheleni uluhlu iBhabheli ngeenxa zonke, nonke batyedi besaphetha; tolani kuyo, ningashiyi lutolo; ngokuba yonile kuYehova.

15. Dumani ngayo ngeenxa zonke; iziníkele; ziwile iingqoqo zayo, zidilikile iindonga zayo; ngokuba yimpindezelo kaYehova. Phindezelani kuyo; njengokwenza kwayo, yenzani kuyo.

16. Nqumlani umhlwayeli eBhabheli, nophethe irhengqa ngexesha lokuvuna. Ngenxa yekrele elidlavulayo elowo ubheka ebantwini bakowabo, elowo usabela ezweni lakowabo.

17. Úyigusha elusali uSirayeli; ubhejethwe ziingonyama. Ngukumkani waseAsiriya owaqala wamdla; ngoku, owokugqibela umqobi wamathambo akhe nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli.

18. Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyamvelela ukumkani waseBhabheli nelizwe lakhe, njengoko ndamvelelayo ukumkani waseAsiriya.

19. Ndiya kumbuyisela uSirayeli ekriweni lakhe, adle eKarmele naseBhashan, uhluthe umphefumlo wakhe ezintabeni zakwaEfrayim nezaseGiliyadi.

20. Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, buya kufunwa ubugwenxa bukaSirayeli, bungabikho; nezono zikaYuda zingafumaneki; ngokuba ndiya kubaxolela endibasalisileyo.

21. Ilizwe lakwaNkani-ziphindwe-kabini, nyuka uye kulo kanye, kubemi belakwaKohlwaywa; bharhisa usingele phantsi emva kwabo, utsho uYehova; wenze ngako konke endakuwisela umthetho ngako.

22. Isithonga semfazwe siselizweni, nokwaphuka okukhulu.

23. Hayi, ukuxakaxwa, ukwaphulwa kwesando sehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa kweBhabheli ummangaliso phakathi kweentlanga!

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 50