Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 5:1-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Zityhutyheni izitrato zaseYerusalem; khanikhangele, nazi, nifune ezindaweni zayo zembutho, ukuba nomfumana na umntu, ukuba ukho na umntu owenza ngokusesikweni, ofuna ukunyanisa: ndoyixolela.

2. Nokuba bathi, Ehleli nje uYehova, boba bafunga bexoka.

3. Yehova, amehlo akho àkajonge ekunyaniseni, yini na? Ùyababetha, abevi ntlungu; ùyabagqibela kuphele, abavumi ukuthethiswa; babenza ngwanyalala ubuso babo ngaphezu kwengxondorha, àbavumi ukubuya.

4. Ndathi mna, Zizisweli zodwa zona, zimathile; ngokuba abayazi indlela kaYehova, nesiko loThixo wabo.

5. Ndokha ndiye kwabakhulu, ndithethe nabo; ngokuba bayayazi bona indlela kaYehova, isiko loThixo wabo; ke bona bayaphúle kunye idyokhwe, baziqhawula izitropu.

6. Ngenxa yoko iyababulala ingonyama yasehlathini, iyabadlavula ingcuka yasezinkqantosini, ingwe ilalela imizi yabo; bonke abo baphuma kuyo bayaqwengwa; ngokuba luninzi ukreqo lwabo, kuninzi ukuphamba kwabo.

7. Ndothini na ukukuxolela? Oonyana bakho bandishiyile, bafunga abangethixo; ndabafungisa, ke bakrexeza, bathi ngunga endlwini yamahenyukazi.

8. Bayazíbela njengeenkunzi zamahashe ezityetyisiweyo, elowo ukhonyela umfazi wommelwane wakhe.

9. Mandingàveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; ungàphindezeli na ke umphefumlo wam, kuhlanga olunje?

10. Nyukani ezindongeni zayo, nonakalise; kodwa ningagqibeli kuphele; susani amasebe ayo, ngokuba engengakaYehova.

11. Ngokuba itshinizile kakhulu kum indlu kaSirayeli nendlu kaYuda, utsho uYehova.

12. Bayamkhanyela uYehova; bathi, Asinguye, àbuyi kusifikela ububi, asiyi kubona krele nandlala;

13. abaprofeti baya kuba ngumoya; othethayo akakho kubo; makwenjiwe njalo kubo.

14. Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle.

15. Yabona, ndifikisa phezu kwenu, ndlu kaSirayeli, uhlanga lwakude, utsho uYehova; luhlanga oluqinileyo, luhlanga oludala, luhlanga oluntetho ungayaziyo, ongayivayo into oluyithethayo.

16. Umphongolo walo unjengengcwaba elivulekileyo; bonke bephela bangamagorha.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 5