Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 48:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ngokuba ekunyukeni eqhineni laseLuhoti, baya kulila, balile; ngokuba ekuhlèni eHoronayim ababandezelwa baya kuvakala bekhaliswa kukwaphulwa.

6. Sabani, sizani imiphefumlo yenu, yibani njengoze entlango.

7. Ngenxa enokuba ùkholose ngezenzo zakho nangobuncwane bakho, nawe uya kuthinjwa, aphume afuduswe uKemoshe,* ababingeleli bakhe nabathetheli bakhe kunye.

8. Úya kufika umbhuqi emizini yonke, kungasindi mzi, idake intili, litshabalale ihewu, njengoko watshoyo uYehova.

9. Mnikeni amaphiko uMowabhi; ngokuba wóphuma ebaleka, imizi yakhe ibe ngamanxuwa, ingemiwa.

10. Makaqalekiswe owenza umsebenzi kaYehova ngokudangala, aqalekiswe onqanda ikrele lakhe egazini.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 48