Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 48:12-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuthumela abathululi kuye, bamthulule, bazikhuphele izitya zakhe, bayiqhekeze imiphanda yakhe.

13. Úya kudana uMowabhi nguKemoshe, njengoko yadanayo indlu kaSirayeli yiBheteli, inkoloseko yayo.

14. Ningáthini na ukuthi, Singamagorha, singamadoda anobukroti emfazweni?

15. Úyabhuqwa uMowabhi, imizi yakhe iyenyukwa, amadodana akhe anyuliweyo athobela ekusikweni; utsho uKumkani ogama lakhe linguYehova wemikhosi.

16. Kusondele, kuza kufika, ukusindeka kukaMowabhi; ububi bakhe buyangxama kakhulu.

17. Hlunguzelani iintloko ngaye, nonke nina ningeenxa zonke kuye, nonke nina nilaziyo igama lakhe. Yithini, Yoo! Itheni na ukwaphuka intonga yonamandla, uluthi lokuhomba.

18. Yihla eluzukweni, uhlale phantsi kwelinenxano, mmi, ntombi yaseDibhon; ngokuba umbhuqi kaMowabhi unyuke weza kuwe, úzonakalisile iinqaba zakho.

19. Yima ngasendleleni, ubonisele, mmi waseArohere; buza kwindoda esabileyo nakwintokazi esindileyo; yithi, Kukho ntoni na?

20. UMowabhi uhlazekile, ngokuba uqhiphuke umbilini; bhombolozani nikhale; xelani eArnon, nithi, Ubhuqiwe uMowabhi.

21. Umgwebo ulifikele ilizwe lehewu, iHolon neYatsa neMefahati;

22. neDibhon, neNebho, neBhete-dibhelatayim;

23. neKiriyatayim, neBhete-gamuli, neBhetemehon;

24. neKeriyoti, neBhotsera, nemizi yonke yelizwe lakwaMowabhi, ekude kwanekufuphi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 48