Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 44:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Báphalazeka ke ubushushu bam nomsindo wam, watshisa emizini yakwaYuda nasezitratweni zeYerusalem; yaba linxuwa, yabharha, njengoku kunjalo namhla.

7. Kaloku utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yini na ukuba niyenzele ububi obukhulu kangaka imiphefumlo yenu, bokunqumla kuni indoda nomfazi, umntwana nosebeleni, kwelakwaYuda, kungasali masalela kuni;

8. ngokundiqumbisa ngezenzo zezandla zenu, ngokuqhumisela thixweni bambi ezweni laseYiputa, eneza kuphambukela kulo; ukuze nizinqumle ngokwenu, nibe yintshabhiso nesingcikivo ezintlangeni zonke zehlabathi?

9. Nizilibele na izinto ezimbi zooyihlo; izinto ezimbi zookumkani bakwaYuda, nezinto ezimbi zabafazi babo, nezinto ezimbi zenu ngokwenu, nezinto ezimbi zabafazi benu, abazenzáyo ezweni lakwaYuda nasezitratweni zeYerusalem?

10. Unanamhla abatyumkanga, aboyikanga, abahambanga ngomyalelo wam nangemimiselo yam, endayibeka phambi kwenu naphambi kooyihlo.

11. Ngako oko utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ubuso bam ndiya kububhekisa kuni, ukuba kube kubi, anqunyulwe onke amaYuda.

12. Ndiya kuwathabatha amasalela akwaYuda, abubhekisileyo ubuso bawo ekuyeni ezweni laseYiputa ukuba aphambukele khona, agqitywe onke; aya kuwa ezweni leYiputa; aya kugqityelwa likrele nayindlala, kuthabathele kwabancinane kuse kwabakhulu; aya kufa likrele nayindlala, abe yintshwabulo, nommangaliso, nentshabhiso, nesingcikivo.

13. Ndiya kubavelela abahleli ezweni leYiputa, njengoko ndayivelelayo iYerusalem ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa.

14. Akuyi kubakho usindayo, usalayo, kumasalela akwaYuda, abezé kuphambukela khona ezweni leYiputa, ukuba abuyele ezweni lakwaYuda, elo lizwe ayiphakamisele kulo imiphefumlo yawo ukubuyela kulo, ukuba ahlale khona; ngokuba abayi kubuya, ingengabasinda ngokubhungca.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 44