Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 44:15-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Amphendula uYeremiya onke amadoda, abesazi ukuba abafazi bawo baqhumisela thixweni bambi, nabafazi bonke ababemi esikhungwini esikhulu, nabantu bonke ababehleli ezweni leYiputa, ePatrosi, ngokuthi,

16. Ilizwi elo ulithethileyo kuthi egameni likaYehova, asiyi kukuphulaphula ngalo.

17. Inene, siya kuwenza onke amazwi aphumileyo emlonyeni wethu, okuqhumisela kukumkanikazi wezulu, simthulùlele iminikelo ethululwayo, njengoko sakwenzayo, thina noobawo, ookumkani bethu nabathetheli bethu, emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem; sahlútha ke sisonka, salunga, asabona bubi.

18. Kususela koko sayekayo ukuqhumisela kukumkanikazi wezulu, nokumthululela iminikelo ethululwayo, saswela iinto zonke, sagqityelwa likrele nayindlala.

19. Xa ke thina bafazi síqhumiselayo kukumkanikazi wezulu, símthululelayo iminikelo ethululwayo, símenzela izonkana zokuba eyilwa, símthululela iminikelo ethululwayo, amadoda ethu àkakho na kuthi?

20. Wathetha uYeremiya kubantu bonke, kumadoda nakubafazi, kubantu bonke abamphenduláyo ngelo lizwi, wathi,

21. Ukuqhumisela oko enaqhumisela ngako emizini yakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem, nina nooyihlo, ookumkani benu nabathetheli benu, nabantu belizwe, àkakukhumbulanga na uYehova? Akuthanga qatha na entliziyweni yakhe oko?

22. UYehova àkaba saba nako ukuthwala, ngenxa yeentlondi zenu ezimbi, ngenxa yamasikizi enawenzayo; lasuka ilizwe lenu labharha, kwaba senkangala, langummangaliso nentshabhiso, lingenammi, njengoko kunjalo namhla.

23. Ngenxa yokuqhumisela kwenu, nangenxa yokona kwenu kuYehova, ànaliphulaphula izwi likaYehova, ànahamba ngomyalelo wakhe, nangemimiselo yakhe, nangezingqino zakhe: ngenxa yoko bunihlele obo bubi, njengoko kunjalo namhla.

24. Wathi uYeremiya kubantu bonke, nakubafazi bonke, Liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda asezweni leYiputa;

25. utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nina nabafazi benu niyathetha ngomlomo wenu, nangezandla zenu nikuzàlise, nisithi, Masenze izibhambathiso zethu, esabhambathisa ngazo, zokuqhumisela kukumkanikazi wezulu, simthululele iminikelo ethululwayo:

26. zimiseni nizimise kambe izibhambathiso zenu; zenzeni nizenze kambe izibhambathiso zenu. Ngako oko liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda, ahleliyo ezweni leYiputa: Yabonani, ndifungé igama lam elikhulu, utsho uYehova, inene, aliyi kuba sabizwa igama lam ngumlomo kabani wakwaYuda ezweni lonke leYiputa, esithi, Ihleli nje iNkosi.

27. Yabonani, ndiwaphaphela ukuba kube kubi, kungalungi, agqityelwe onke amadoda akwaYuda ezweni laseYiputa, likrele nayindlala, ade aphele.

28. Baya kubuya ezweni leYiputa abasindé ekreleni, baye ezweni lakwaYuda bembalwa; alàzi onke amasalela akwaYuda, azileyo ezweni leYiputa ukuba aphambukele kulo, ukuba liliphi na ilizwi eliya kuma khona: lelam, lelabo, kusini na.

29. Nangu ke umqondiso kuni, utsho uYehova, wokuba ndiya kunivelela kule ndawo, ukuze nazi ukuba amazwi am aya kuma, animele ububi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 44