Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 43:5-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. UYohanan unyana kaKareha, nabo bonke abathetheli bezimpi, bawathabatha onke amasalela akwaYuda, abebuyé evela ezintlangeni zonke abegxothelwe kuzo, ukuba aye kuphambukela ezweni lakwaYuda:

6. amadoda, nabafazi, nabantwana, neentombi zokumkani, nemiphefumlo yonke abeyishiye uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, noYeremiya umprofeti, noBharuki unyana kaNeriya.

7. Baya ke elizweni laseYiputa, ngokuba babengaliphulaphulanga izwi likaYehova; baya bafika eTapanesi.

8. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya eTapanesi, lisithi,

9. Thabatha ngesandla sakho amatye amakhulu, uwaqhusheke eludakeni endaweni yokutshisa izitena, esemnyango wendlu kaFaro eTapanesi, emehlweni amadoda akwaYuda.

10. Uze uthi kuwo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiya kuthumela ndithabathe uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyibeke itrone yakhe ngaphezu kwala matye ndiwaqhushekileyo; aneke isivatho sakhe esihle ngaphezu kwawo.

11. Úya kufika alibethe ilizwe leYiputa, owokufa afe, owokuthinjwa athinjwe, owekrele abe ngowekrele.

12. Ndiya kufaka isikhuni ezindlwini zoothixo baseYiputa, azitshise zona, abathimbe bona, azithi wambu ngelizwe leYiputa, njengokuba umalusi ezithi wambu ngengubo yakhe; aphume kulo enoxolo.

13. Úya kuwaqhekeza amatye amisiweyo aseBhete-shemeshe, asezweni leYiputa, azitshise ngomlilo izindlu zoothixo baseYiputa.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 43