Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 41:7-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kwathi, akufika phakathi komzi, wawabulala uIshmayeli unyana kaNetaniya, wawalahlela emhadini phakathi, yena namadoda lawo abenaye.

8. Ke kwafumaneka kuwo amadoda alishumi, awathi kuIshmayeli, Musa ukusibulala, ngokuba sinezisele endle ezinengqolowa, nerhasi, neoli, nobusi. Wawayeka ke, akawabulala phakathi kwabazalwana bawo.

9. Ke kaloku umhadi, apho uIshmayeli wazilahlela kuwo ngakuGedaliya zonke izidumbu zamadoda abewabulele (lowo wawenzayo ukumkani uAsa ngenxa kaBhahesha ukumkani wakwaSirayeli), uIshmayeli unyana kaNetaniya wawuzalisa ngababuleweyo.

10. UIshmayeli wawathimba onke amasalela abantu abaseMizpa, iintombi zokumkani, nabantu bonke ababesele eMizpa, abenziwe umveleli wabo uGedaliya unyana ka-Ahikam nguNebhuzaradan, umthetheli wabasiki; wabathimba ke uIshmayeli unyana kaNetaniya, wahamba, wawelela koonyana baka-Amon.

11. Weva uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ezibe zinaye, bonke ububi awabenzayo uIshmayeli unyana kaNetaniya;

12. bawathabatha onke amadoda, baya kulwa noIshmayeli unyana kaNetaniya, bamfumana ngasemanzini amakhulu aseGibheyon.

13. Kwathi, bonke abantu abanoIshmayeli, bakumbona uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bezimpi ezinaye, bavuya;

14. bajika bonke abantu abebathimbe eMizpa uIshmayeli, babuya baya kuYohanan unyana kaKareha.

15. Ke uIshmayeli unyana kaNetaniya wasínda, enamadoda asibhozo, ebusweni bukaYohanan, waya koonyana baka-Amon.

16. Wawathabatha uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababenaye, onke amasalela abantu, awababuyisayo kuIshmayeli unyana kaNetaniya eMizpa, emveni kokuba ebembulele uGedaliya unyana ka-Ahikam, amagorha, amadoda okulwa, nabafazi, nabantwana, namathenwa, abewabuyisile eGibheyon.

17. Baya bahlala endlwini yabaphambukeli kaKimham engaseBhetelehem, ukuba baye kungena eYiputa, ngenxa yamaKaledi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 41