Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 41:16-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wawathabatha uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababenaye, onke amasalela abantu, awababuyisayo kuIshmayeli unyana kaNetaniya eMizpa, emveni kokuba ebembulele uGedaliya unyana ka-Ahikam, amagorha, amadoda okulwa, nabafazi, nabantwana, namathenwa, abewabuyisile eGibheyon.

17. Baya bahlala endlwini yabaphambukeli kaKimham engaseBhetelehem, ukuba baye kungena eYiputa, ngenxa yamaKaledi.

18. Ngokuba babewoyika, ngokuba uIshmayeli unyana kaNetaniya ebembulele uGedaliya unyana ka-Ahikam, owayenziwe umveleli welizwe ngukumkani waseBhabheli.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 41