Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 39:10-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. ke inxenye yabantu abazizisweli, abangenanto iyinto, uNebhuzaradan, inkulu yabasiki, wayishiya ezweni lakwaYuda, wayinika izidiliya namasimi ngaloo mhla.

11. Ke kaloku, uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli wawisa umthetho ngoYeremiya ngesandla sikaNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, esithi,

12. Mthabathe, umise amehlo akho kuye, ungenzi nto imbi kuye; wòthi, njengoko akuthethayo kuwe, wenjenjalo kuye.

13. Ke bathuma ooNebhuzaradan umthetheli wabasiki, noNebhushazebhan umthetheli wamathenwa, noNergale-sharetsere umthetheli wezazi, nabathetheli bonke bokumkani waseBhabheli;

14. bathuma bamthabatha uYeremiya entendelezweni yabalindi, bamnikela kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, ukuba amkhuphe amse ekhaya. Wahlala ke phakathi kwabantu.

15. Ke kaloku, kwaye kufike ilizwi likaYehova kuYeremiya, akuba evalelwe entendelezweni yabalindi, lisithi,

16. Yiya uthi kuEbhedi-meleki umKushi, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, amazwi am ndiwazisela ububi kulo mzi, andiwaziseli okulungileyo; aya kwenzeka phambi kwakho ngaloo mhla.

17. Ke ndokuhlangula ngaloo mhla, utsho uYehova, ungànikelwa esandleni samadoda onxungupheleyo ngawo.

18. Ngokuba, inene, ndiya kukuzisa, ungawi likrele; úya kuba lixhoba kuwe umphefumlo wakho, ngokuba ukholose ngam; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 39