Yiya uthi kuEbhedi-meleki umKushi, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, amazwi am ndiwazisela ububi kulo mzi, andiwaziseli okulungileyo; aya kwenzeka phambi kwakho ngaloo mhla.