Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 36:10-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. UBharuki wawalesa encwadini amazwi kaYeremiya endlwini kaYehova, egumbini likaGemariya unyana kaShafan, umbhali, entendelezweni ephezulu, ekungeneni kwesango elitsha lendlu kaYehova, ezindlebeni zabantu bonke.

11. Waweva uMikaya unyana kaGemariya, unyana kaShafan, onke amazwi kaYehova encwadini,

12. wehla waya endlwini yokumkani, egumbini lombhali. Nabo, behleli khona abathetheli bonke: ooElishama umbhali, noDelaya unyana kaShemaya, noElinatan unyana ka-Akebhore, noGemariya unyana kaShafan, noZedekiya unyana kaHananiya, nabathetheli bonke.

13. UMikaya wabaxelela onke amazwi abewavile ekuleseni kukaBharuki encwadini, ezindlebeni zabantu.

14. Bonke abathetheli bathumela kuBharuki uYehudi unyana kaNetaniya, unyana kaShelemiya, unyana kaKushi, besithi, Incwadi esongwayo leyo ulesé kuyo ezindlebeni zabantu, yiphathe ngesandla sakho, uze. UBharuki unyana kaNeriya wayiphatha ke incwadi esongwayo ngesandla sakhe, weza kubo.

15. Bathi kuye, Khawuhlale phantsi, uyilese ezindlebeni zethu. Wayilesa ke uBharuki ezindlebeni zabo.

16. Kwathi, bakuweva onke loo mazwi, bankwantya, elowo ebheka kowabo; bathi kuBharuki, Simelwe kukumxelela ukumkani onke la mazwi.

17. Bambuza uBharuki, besithi, Khawusixelele, ùtheni na ukuwabhala onke la mazwi ephuma emlonyeni wakhe?

18. Wathi uBharuki kubo, Wawathetha kum onke la mazwi aphuma emlonyeni wakhe, ndawabhala encwadini le ngeinki.

19. Bathi abathetheli kuBharuki, Hamba uye kuzímela, wena noYeremiya, kungàzi mntu apho nikhona.

20. Bangena ke kukumkani entendelezweni, beyibeke incwadi esongwayo egumbini likaElishama umbhali, bawaxela ezindlebeni zokumkani onke amazwi lawo.

21. Ukumkani wathuma uYehudi, ukuba ayithabathe incwadi esongwayo; wayithabatha ke egumbini likaElishama umbhali. UYehudi wayilesa ezindlebeni zokumkani, nasezindlebeni zabathetheli bonke abamele ngakukumkani.

22. Ke kaloku ukumkani wayehleli endlwini yasebusika ngenyanga yesithoba, kubasiwe elukhambeni phambi kwakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 36