Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 35:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ngemihla kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi,

2. Yiya endlwini yamaRekabhi, uthethe nawo, uwangenise endlwini kaYehova, kwelinye igumbi, uwaseze iwayini.

3. Ndamthabatha ke uYazaniya unyana kaYeremiya, unyana kaHabhatsiniya, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe bonke, nendlu yonke yamaRekabhi; ndabangenisa endlwini kaYehova,

4. egumbini koonyana bakaHanan unyana kaIgedaliya, umfo wakwaThixo, elisecaleni kwegumbi labathetheli, eliphezu kwegumbi likaMahaseya unyana kaShalum, umgcini-mnyango.

5. Ndabeka phambi koonyana bendlu yamaRekabhi iindebe ezizele yiwayini, neebhekile, ndathi kubo, Selani iwayini.

6-7. Bathi bona, Asiyiseli iwayini; ngokuba uYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, wasiwisela umthetho wokuthi, Ze ningaseli wayini, nina, noonyana benu, naphakade; ningakhi zindlu, ningahlwayeli mbewu, ningatyali sidiliya, ningabi nazo ezo zinto; ke nohlala ezintenteni yonke imihla yenu, ukuze niphile imihla emininzi phezu komhlaba, eningabaphambukeli kuwo.

8. Siliphuláphule ke izwi likaYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, kuko konke awasiwisela umthetho ngako, ukuba singaseli wayini yonke imihla yethu, thina, nabafazi bethu, noonyana bethu, neentombi zethu;

9. wokuba singakhi nazindlu zokuba sihlale kuzo, singabi nazidiliya, nantsimi, nambewu.

10. Sihleli ezintenteni, seva, senza ngako konke awasiwisela umthetho ngako uYonadabhi ubawo.

11. Ke kaloku kwathi, ekunyukeni kukaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esiza kweli lizwe, sathi, Yizani singene eYerusalem ngenxa yempi yamaKaledi, nangenxa yempi yama-Aram;* sahlala ke eYerusalem apha.

12. Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,

13. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yiya, uthi kumadoda akwaYuda nakubemi baseYerusalem, Anikuvumi na ukuqeqeshwa, ukuba niwaphulaphule amazwi am? utsho uYehova.

14. Agciniwe amazwi kaYonadabhi, unyana kaRekabhi, awabawisela oonyana bakhe ukuba bangaseli wayini; àbaseli unanamhla, bawuphulaphula ke umthetho kayise. Ke mna ndathetha kuni, ndithetha, ndivuka kusasa; anindiphulaphulanga.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 35