Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 32:40-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Ndiya kubenzela umnqophiso ongunaphakade, ukuba ndingabuyi ekubalandeleni, ukuba ndibènzele okulungileyo, ndibeke ukundoyika entliziyweni yabo, ukuze bangandishiyi.

41. Ndoba nemihlali ngabo, ndibenzele okulungileyo, ndibatyale kweli lizwe ndínyanisile, ngentliziyo yam yonke nangomphefumlo wam wonke.

42. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Njengoko ndabaziselayo aba bantu bonke obu bubi bukhulu kangaka, ndiya kwenjenjalo ukubazisela konke okulungileyo endikuthethayo ngabo.

43. Kuya kuthengwa amasimi kweli lizwe nìthi, Kusenkangala, alinabantu nankomo, linikelwe esandleni samaKaledi.

44. Baya kuthenga amasimi ngemali, bawabhale encwadini, itywinwe; bathabathe amangqina ezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke kwiYerusalem, nasemizini yakwaYuda, nasemizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi; ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabo; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 32