Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 32:36-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Kukaloku ke, ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kulo mzi, enithi, Únikelwe esandleni sokumkani waseBhabheli ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa: ukuthi,

37. Yabona, ndiyababutha emazweni onke, endabagxothela kuwo ngomsindo wam, nangobushushu bam, nangoburhalarhume obukhulu; ndobabuyisela kule ndawo, ndibahlalise bekholosile.

38. Baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo;

39. ndibànike intliziyo enye, nendlela enye, ukuze bandoyike imihla yonke, kulunge kubo, nakoonyana babo emva kwabo.

40. Ndiya kubenzela umnqophiso ongunaphakade, ukuba ndingabuyi ekubalandeleni, ukuba ndibènzele okulungileyo, ndibeke ukundoyika entliziyweni yabo, ukuze bangandishiyi.

41. Ndoba nemihlali ngabo, ndibenzele okulungileyo, ndibatyale kweli lizwe ndínyanisile, ngentliziyo yam yonke nangomphefumlo wam wonke.

42. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Njengoko ndabaziselayo aba bantu bonke obu bubi bukhulu kangaka, ndiya kwenjenjalo ukubazisela konke okulungileyo endikuthethayo ngabo.

43. Kuya kuthengwa amasimi kweli lizwe nìthi, Kusenkangala, alinabantu nankomo, linikelwe esandleni samaKaledi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 32