Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 3:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuthiwa, Ukuba ithe indoda yamgxotha umkayo, wemka kuyo, waba ngowandoda yimbi, inokumbuyela na? Alingebi lihlanjelwe na elo lizwe? Wena ke uhenyuzile nezithandane ezininzi; ùnokubuyela na ke kum? utsho uYehova.

2. Phosa amehlo akho eluqayini ubone; kuphi na apho ungalalwanga khona? Wabahlalela ngasezindleleni, njengomArabhi entlango; walihlambela ilizwe ngokuhenyuza kwakho, nangezinto zakho ezimbi.

3. Yathintelwa ke imikhumezelo, ayeza nemvula evuthisayo; ùsuke wanebunzi lehenyukazi, akwavuma ukuba neentloni.

4. Akuyi kuthi na ngoku undibize, uthi, Bawo, ùlikholwane lobutsha bam?

5. Úya kuba nenqala ngonaphakade na, ahlale ewugcinile na umsindo? Yabona, uthetha njalonje, wènza ububi, ubufezile.

6. Wathi uYehova kum ngemihla yokumkani uYosiya, Ùkubonile na elikwenzileyo iphambakazi uSirayeli? Belihamba phezu kweentaba zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, lihenyuza khona.

7. Ndathi, emveni kokuba likwenzile oko konke, Liya kubuyela kum. Lasuka alabuya; lakúbona oko ingininginikazi, udade wabo uYuda.

8. Ndabona ukuba, noko iphambakazi uSirayeli likrexezileyo, ndaligxotha, ndalinka incwadi yokwahlukana nalo, lisuké noko ingininginikazi uYuda, udade walo àloyika; lasuka ke laya kuhenyuza nalo.

9. Kwathi, ngenxa yesandi sokuhenyuza kwalo, lahlanjelwa ilizwe, lakrexeza namatye nemithi.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 3