Wathi uYehova kum ngemihla yokumkani uYosiya, Ùkubonile na elikwenzileyo iphambakazi uSirayeli? Belihamba phezu kweentaba zonke ezinde, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, lihenyuza khona.