Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 29:20-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Liveni ke ilizwi likaYehova, nina nonke bafudusiweyo, ndabasusayo eYerusalem, baya eBhabheli.

21. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ngokusingisele kuAhabhi unyana kaKolaya, nakuZedekiya unyana kaMahaseya, abaniprofetela ubuxoki egameni lam, ukuthi, Yabonani, ndibanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababulale emehlweni enu;

22. kuzekelwe kubo ukutshabhisa ngabafudusiweyo bonke bakwaYuda abaseBhabheli, kuthiwe, UYehova makakwenze ube njengoZedekiya, nanjengoAhabhi, awabachanabayo emlilweni ukumkani waseBhabheli;

23. ngenxa yokuba benzé ubudenge kwaSirayeli, babakrexeza abafazi babamelwane babo, bathetha amazwi obuxoki egameni lam, endingabawiselanga methetho ngawo. Ndiyazi mna, ndilingqina, utsho uYehova.

24. Ngokusingisele kuShemaya waseNehelam wòthetha, uthi,

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 29