Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 23:12-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ngako oko indlela yabo kubo iya kuba njengeendawo ezibuthelezi esithokothokweni; baya kuqhutywa, bawe khona; ngokuba ndibazisela ububi, umnyaka wokuvelelwa kwabo; utsho uYehova.

13. Kubaprofeti bakwaSamari ndibone ubufedelele; baprofeta ngoBhahali,* belahlekisa abantu bam amaSirayeli.

14. Ke kubaprofeti baseYerusalem ndiboné into ebanga amanwele: ukukrexeza, nokuhamba ebuxokini, bomeleze izandla zabenzi bobubi, kungabuyi mntu ebubini bakhe. Bonke bephela banjengeSodom kum, nabemi bakhona banjengeGomora.

15. Ngako oko utsho uYehova wemikhosi, ngokusingisele kubaprofeti, ukuthi, Yabonani, ndobadlisa umhlonyane, ndibaseze inyongo; ngokuba kubaprofeti baseYerusalem kuphuma okungendawo, kuye kulo lonke ilizwe.

16. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Musani ukuwaphulaphula amazwi abaprofeti abaniprofetelayo; banenzela into engento, bathetha umbono wentliziyo yabo, ongaphumiyo emlonyeni kaYehova.

17. Bamana ukuthi kwabandigibayo, UYehova uthethile, niya kuba noxolo; nakubo bonke abahambayo ngobungqola beentliziyo zabo bathi, Aniyi kuhlelwa bubi.

18. Ewe, ngubani na kubo ome elucweyweni lukaYehova, walibona waliva ilizwi lakhe? Ngubani na olibzele indlebe ilizwi lam, waliva?

19. Yabonani, umoya ovuthuzayo kaYehova, úphume ubushushu, umoya ovuthuzayo osisaqhwithi, uya kuqhwithela entlokweni yabangendawo.

20. Awuyi kubuya umsindo kaYehova, ade awenze, ade ayimise iminkqangiyelo yentliziyo yakhe; ekupheleni kwemihla nòkugqala nikuqonde oko.

21. Andibathumanga abaprofeti abo, kugidimé bona; andithethanga kubo, kanti kuprofeté bona.

22. Ukuba bebemi elucweyweni lwam, bange bevakalisé amazwi am kubantu bam, bababuyisa endleleni yabo embi, nasebubini beentlondi zabo.

23. NdinguThixo wakufuphi na? utsho uYehova, ndingabi nguThixo wakude na?

24. Wósithela na umntu ezintsithelweni, ndingamboni na? utsho uYehova. Àndizalise amazulu nehlabathi na mna? utsho uYehova.

25. Ndikuvile abakuthethayo abaprofeti, abaprofeta ubuxoki egameni lam, besithi, Ndiphuphile, ndiphuphile.

26. Koda kube nini na kuyilé nto entliziyweni yabaprofeti abaprofeta ubuxoki, abaprofeti benkohliso yentliziyo yabo?

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 23