Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 23:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yeha ke, abalusi abatshabalalisa bachithachithe umhlambi wedlelo lam!

2. utsho uYehova, Ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ngabalusi abo balúsa abantu bam, ukuthi, Niwuchithachithile umhlambi wam, nawubhebhetha, anawuvelela; yabonani, ndiya kunivelela ngenxa yobubi beentlondi zenu; utsho uYehova.

3. Ndiya kuwabutha mna amasalela omhlambi wam emazweni onke endawagxothela kuwo, ndiwabuyisele emakriweni awo, aqhame, ande;

4. ndiwamisele abalusi bawaluse, angabi soyika, angaqhiphuki umbilini, kungabikho ulahlekayo; utsho uYehova.

5. Yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, endiya kummisela uDavide iHlumelo elililungisa, libe nguKumkani ongukumkani, enze yena ngengqiqo, enze okusesikweni nobulungisa ehlabathini.

6. Ngemihla yakhe úya kusindiswa uYuda, uSirayeli ahlale ekholosile; negama lakhe, aya kubizwa ngalo, leli lokuba, UYehova-ububulungisa-bethu.

7. Ngako oko, yabonani, iyeza imihla, utsho uYehova, abangasayi kuba sathi, Ehleli nje uYehova, owanyusa oonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa;

8. baya kuthi, Ehleli nje uYehova, owayinyusayo, owayizisayo imbewu yendlu yakwaSirayeli, ivela ezweni lasentla, nasemazweni onke endabagxothela kuwo; bahlale emhlabeni wabo.

9. Ngokusingisele kubaprofeti: Yaphukile intliziyo yam phakathi kwam, athe fehlefehle onke amathambo am. Ndisuke ndaba njengendoda enxilayo, njengomfo oweyiswe yiwayini; ngenxa kaYehova, nangenxa yamazwi akhe angcwele.

10. Ngokuba ilizwe lizele ngabakrexezi, ngokuba ngenxa yentshwabulo ilizwe lenza isijwili; omile amakriwa entlango; ùsuke wambi umkhondo wabo, ubugorha babo abulunganga.

11. Ngokuba umprofeti kwanombingeleli ngabenzi bobubi; ndizifumene nasendlwini yam izinto zabo ezimbi; utsho uYehova.

12. Ngako oko indlela yabo kubo iya kuba njengeendawo ezibuthelezi esithokothokweni; baya kuqhutywa, bawe khona; ngokuba ndibazisela ububi, umnyaka wokuvelelwa kwabo; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 23