Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 22:19-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Úya kungcwatywa ngokungcwatywa kwe-esile, akrwiqilizwe, alahlwe kude namasango aseYerusalem.

20. Nyuka eLebhanon, ukhale; naseBhashan khupha izwi lakho, ukhale eHabharim; ngokuba zaphukile zonke izithandane zakho.

21. Ndathetha nawe uchulumachile; wathi wena, Andiyi kuva. Yindlela yakho leyo kwasebuncinaneni bakho, ukuba ungaliphulaphuli ilizwi lam.

22. Umoya uya kubadla bonke abalusi bakho, zithinjwe izithandane zakho; wandule ukudana, inene, uve ihlazo, ngenxa yezinto zakho ezimbi zonke.

23. Wena uhleliyo eLebhanon, uyakhelayo emisedareni indlu yakho, hayi ukugcuma kwakho ekufikelweni kwakho yinimba, kukuzibhijabhija, njengozalayo.

24. Ndihleli nje, utsho uYehova, ukuba uKoniyahu unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, ebengumsesane, wokutywina esandleni sam, sokunene, bendiya kumncothula nakhona;

25. ndikunikéle esandleni sabawufunayo umphefumlo wakho, nasesandleni sabo ùboyikayo, nasesandleni sikaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, nasesandleni samaKaledi.

26. Ndonijulela kwelinye ilizwe, wena nonyoko owakuzalayo, apho naningazalelwanga khona; nifele khona.

27. Ke lona ilizwe, abaya kuphakamisela umphefumlo wabo kulo, ukuba babuyèle kulo, abasayi kubuyela kulo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 22