Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 18:7-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilunyothule, ukuba ndiludilize, ukuba ndilutshabalalise.

8. Ukuba ke olo luhlanga lubuyile ezintweni zalo ezimbi, olo ndithethe ngalo, ndozohlwaya ngenxa yobubi, ebe ndisithi ndiza kubenza kulo.

9. Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilwakhe, ukuba ndilutyale;

10. kodwa ke ukuba luthi lwenze okubi emehlweni am, lungaliphulaphuli ilizwi lam, ndozohlwaya ngenxa yokulungileyo, ebendisithi ndiza kukwenza kulo.

11. Ngoku ke khawuthethe kumadoda akwaYuda, nakubemi baseYerusalem, uthi, Utshilo uYehova ukuthi, Yabonani, ndinibumbela ububi, ndiceba ngani icebo; khanibuye elowo endleleni yakhe enobubi, nilungise iindlela zenu neentlondi zenu.

12. Ke bona bathi, Kuncamekile; ngokuba siya kulandela awethu amacebo, senza elowo ubungqola bentliziyo yakhe enobubi.

13. Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Khanibuze phakathi kweentlanga, ngubani na okhe weva into enje? Yenzé into ebanga amanwele kunene intombi enguSirayeli.

14. Ikhephu laseLebhanon liya kulishiya na iliwa lasezweni? Amanzi anengqele, aqukuqelayo evela kude, aya kutsha na?

15. Ukanti abantu bam bandilibele; baqhumisela kwizinto ezikhohlakeleyo, zabakhubekisa ezindleleni zabo, emendweni engunaphakade, ukuze bahambe ngeengqushu, ngendlela engalungeleliswanga;

16. ukuze balenze ilizwe labo ummangaliso nomsondlo ongunaphakade; bonke abagqitha kulo baya kumangaliswa, bahlunguzele iintloko.

17. Njengomoya wasempumalanga, ndiya kubaphangalalisa phambi kotshaba; ndibanikele umhlana, ndingabanikeli ubuso, ngomhla wokusindeka kwabo.

18. Báthi ke, Yizani siyile iqhinga ngoYeremiya; ngokuba awuyi kuphela umyalelo kumbingeleli, necebo kwisilumko, nelizwi kumprofeti. Yizani simbethe ngolwimi, singawabazeli ndlebe amazwi akhe onke.

19. Ndíbazele indlebe, wena Yehova; líve izwi lababambene nam.

20. Kuya kuvuzwa ngobubi na esikhundleni sokulungileyo, ukuba bawumbele isihogo nje umphefumlo wam? Khumbula ukuma kwam phambi kwakho, ukuba ndithèthe okulungileyo ngabo, ukuba ndibuyise ubushushu bakho kubo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 18