Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 12:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ùlilungisa, Yehova, xa ndibambeneyo nawe; ndothetha iindawo ezisesikweni zodwa. Kungathuba lini na ukuba indlela yabangendawo ibe nempumelelo, babe nokuchulumacha bonke abanginiza benginizile?

2. Ùbatyéle, bendela nokwendela iingcambu; bayakhula, benze neziqhamo. Ùsondele emlonyeni wabo, wakude ezintsweni zabo.

3. Wena, Yehova, uyandazi; uyandibona, uyicikida intliziyo yam enawe. Báqweqwedíse njengeegusha, baxhelwe, ubangcwalisele umhla wokubulawa.

4. Kunini na ilizwe linesijwili, umfuno wamasimi onke womile? Ngenxa yeento ezimbi zabemi balo, ziphephethekile iinkomo neentaka; ngokuba besithi, Akayi kulibona ikamva lethu.

5. Xa ùgidime nabeenyawo, bakudinisa, wòthini na ukushiyiselana namahashe? Xa ukholose ngelizwe elinoxolo, wòthini na ekweneni kweYordan?

6. Ngokuba nabazalwana bakho, nendlu kayihlo, banginizile kuwe nabo; bayamemeza emva kwakho nabo ngezwikazi elikhulu. Musa ukukholwa ngabo, xa bathetha izinto ezilungileyo kuwe.

7. Ndiyishiyile indlu yam, ndililahlile ilifa lam, ndiyinikele intánda yomphefumlo wam esandleni seentshaba zayo.

8. Ilifa lam lisuke laba njengengonyama yasehlathini kum, lindikhuphele ilizwi lalo; ngenxa yoko ndilithiyile.

9. Ilifa lam lukhozi oluthe chokochoko na kum, ukuba iinkozi zilingungele nje? Yizani, nihlanganise onke amarhamncwa asendle; waziseni adle.

10. Abalusi abaninzi basonakalisile isidiliya sam, basingqushile isizibá sam somhlaba; basibharhisile isizibá sam esinqwenelekayo, sayintlango.

11. Basibharhisile; sisijwili ngeenxa zonke kum; sibharhile, kusenkangala kulo lonke ilizwe, ngokuba akubangakho mntu ukubekela intliziyo oko.

12. Eluqayini lonke lwasentlango kufike ababhuqi; ngokuba ikrele likaYehova liyadla, lithabathela ekupheleni kwelizwe, lise ekupheleni kwelizwe; akukho luxolo kwinyama yonke.

13. Báhlwayela ingqolowa, bavuna ameva; bazidubile, àbafeza utho. Danani ke lúngeniselo lwenu, ngenxa yobushushu bomsindo kaYehova.

14. Utsho uYehova ngabamelwane bam bonke abanobubi, abachukumisa ilifa endalidlisa abantu bam amaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyabanyothula emhlabeni wabo, ndiyinyothule indlu yakwaYuda phakathi kwabo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 12