Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 11:19-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ndaba njengemvana embuna esiwa ekuxhelweni; bendingazi ukuba bacebe icebo ngam, besithi, Masiwonakalise umthi kunye neziqhamo zawo, masimnqumle ezweni labaphilileyo, lingabi sakhunjulwa igama lakhe.

20. Yehova wemikhosi, ugwebayo ngobulungisa, uzicikidayo izintso nentliziyo, mandiyibone impindezelo yakho kubo; ngokuba ndiyityhilile kuwe imbambano yam nabo.

21. Ngako oko, utsho uYehova ngamadoda aseAnatoni, awungxameleyo umphefumlo wakho, esithi, Uze ungàprofeti egameni likaYehova, ukuze ungafi ngezandla zethu;

22. ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiya kuwavelela; amadodana aya kufa likrele, oonyana babo neentombi zabo ziya kufa yindlala.

23. Akuyi kubakho masalela kubo, ngokuba ndiwazisela ububi amadoda aseAnatoti, umnyaka wokuvelelwa kwawo.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 11