Ndaba njengemvana embuna esiwa ekuxhelweni; bendingazi ukuba bacebe icebo ngam, besithi, Masiwonakalise umthi kunye neziqhamo zawo, masimnqumle ezweni labaphilileyo, lingabi sakhunjulwa igama lakhe.