Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 1:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wasolula uYehova isandla sakhe, wachukumisa umlomo wam; wathi ke uYehova kum, Yabona, ndibeke amazwi am emlonyeni wakho.

10. Khangela, ndikwenza namhla umveleli weentlanga nezikumkani, ukuba unyothule, udilize, utshabalalise, ugungxule; ukuba wakhe, utyale.

11. Kwafika ilizwi likaYehova kum lisithi, Yintoni na le uyibonayo, Yeremiya? Ndathi, Ndibona intonga yomthi womamangile.*

12. Wathi uYehova kum, Ùboné walungisa; ngokuba ndiya kuliphaphela ilizwi lam ukuba ndilenze.

13. Kwafika ilizwi likaYehova kum ngokwesibini, lisithi, Yintoni na le uyibonayo? Ndathi, Ndibona imbiza ebaselweyo, ubuso bayo bubheke neno, isentla.

14. Wathi ke uYehova kum, Entla kuya kuphuma ububi, bube phezu kwabemi bonke belizwe.

15. Ngokuba, yabona, ndiya kubiza yonke imizalwane yezikumkani zasentla, utsho uYehova; ziya kuza ke, zimise iseso itrone yaso ekungeneni kwamasango eYerusalem, nasezindongeni zayo zonke ngeenxa zonke, nasemizini yonke yakwaYuda.

16. Ndiya kuthetha elokubagweba kwam ngenxa yobubi babo bonke, kuba bendishiyile, baqhumisela thixweni bambi, baqubuda emisebenzini yezandla zabo.

17. Ke wena, bhinqa amanqe akho, usuk' ume, uthethe kubo konke endikuwisela umthetho ngako. Musa ukuqhiphuka umbilini ngabo, hleze mna ndikuqhiphule umbilini ngabo.

18. Uyabona ke, mna ndikwenza namhla umzi onqatyisiweyo, intsika ýesinyithi, udonga lobhedu kulo lonke ilizwe, lokumkani bakwaYuda, nakubathetheli balo, kubabingeleli balo, nakubantu belizwe.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 1