Ngokuba, yabona, ndiya kubiza yonke imizalwane yezikumkani zasentla, utsho uYehova; ziya kuza ke, zimise iseso itrone yaso ekungeneni kwamasango eYerusalem, nasezindongeni zayo zonke ngeenxa zonke, nasemizini yonke yakwaYuda.