Testamente Endala

Testamente Entsha

Urute 2:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uNahomi ebenesihlobo sendoda yakhe, indoda esisityebi emzalwaneni kaElimeleki; igama layo libe linguBhohazi.

2. Wathi uRute umMowabhikazi kuNahomi, Makhe ndiye entsimini, ndibhikice izikhwebu emva kwalowo ndiya kubabalwa nguye. Wathi kuye, Hamba, ntombi yam.

3. Wahamba waya, wabhikica entsimini emva kwabavuni. Ithamsanqa lakhe lawela phezu kwesahlulo sentsimi kaBhohazi, obengowomzalwane kaElimeleki.

4. Wathi gqi uBhohazi, evela eBhetelehem, wathi kubavuni, UYehova makabe nani. Bathi kuye, UYehova makakusikelele.

5. Wathi uBhohazi kwindodana yakhe ephethe abavuni, Yekabani na le nkazana?

6. Yaphendula indodana ephethe abavuni, yathi, Yinkazana engumMowabhikazi, efike noNahomi, bevela elizweni lakwaMowabhi;

7. yathi ke, Makhe ndibhikice, ndibuthe phakathi kwezithungu emva kwabavuni; yeza ke, yema kwakusasa kwada kwangoku; ukuhlala kwayo endlwini kukancinane.

8. Wathi uBhohazi kuRute, Uyeva na, ntombi yam? Musa ukuya kubhikica ntsimini yimbi; kananjalo uze ungadluli apha; namathela wenjenje kumthinjana wam lo;

9. amehlo akho makabe sentsimini oyivunayo wona, uwulandele; yabona, abafana bakwam ndibawisele umthetho wokuba bangakuchukumisi; xa unxaniweyo, yiya ezityeni, usele into ekhiwe ngabafana.

funda isahluko epheleleyo Urute 2