Testamente Endala

Testamente Entsha

Urute 1:3-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wafa uElimeleki indoda kaNahomi; washiywa ke yena noonyana bakhe bobabini.

4. Bazeka abafazi abangamaMowabhikazi; igama lomnye lalinguOrpa, igama lomnye lalinguRute; bahlala khona iminyaka eseshumini.

5. Bafa kananjalo bobabini ooMalon noKiliyon; washiywa ke loo mfazi ngoonyana bakhe bobabini nayindoda yakhe.

6. Wesuka yena noomolokazana bakhe, ebuya elizweni lakwaMowabhi; ngokuba weva eselizweni lakwaMowabhi, ukuba uYehova ubavelele abantu bakhe ngokubanika isonka.

7. Waphuma kuloo ndawo abekuyo, enoomolokazana bakhe bobabini; wahamba ngendlela ebuyela ezweni lakwaYuda.

8. Wathi uNahomi koomolokazana bakhe bobabini, Hambani, nibuyele elowo endlwini yonina; uYehova makanenzele inceba, njengoko nenze ngako kubafi nakum.

9. UYehova makaninike nifumane indawo yokuphumla, elowo endlwini yendoda yakhe. Wabanga; baliphakamisa ilizwi labo, balila.

10. Bathi kuye, Hayi, siya kubuyela nawe kubantu bakowenu.

11. Wathi uNahomi, Buyani, zintombi zam; kungani na ukuba nihambe nam? Ndisenoonyana yini na embilinini wam, ukuze babe ngamadoda kuni?

12. Buyani, zintombi zam; hambani, ngokuba sendikwaluphalele ukuba nendoda. Khona ukuba ndibe ndisithi, Ndisenethemba, nokuba bendithe ndaba ngonendoda ngobu busuku, nokuba bendithe ndazala oonyana,

13. beniya kuthi ngenxa yoko nilinde bade bakhule, yini na? Beniya kuthi ngenxa yoko nizibambe ningabi namadoda, yini na? Hayi, zintombi zam; ngokuba kukrakra kunene kum ngenxa yenu, kuba isandla sikaYehova siphumelene nam.

14. Baliphakamisa ilizwi labo, babuya balila. UOrpa wamanga uninazala; ke yena uRute wanamathela kuye.

15. Wathi yena, Ùyabona, umkhuluwakazi wakho ubuyéle kubantu bakowabo, nakoothixo bakowabo; buya nawe, ulandele umkhuluwakazi wakho.

16. Wathi uRute, Musa akundibongoza ngokuthi mandikushiye, ndibuye, ndingàkulandeli; ngokuba apho uya khona, ndiya kuya nam; apho uya kuthi vu khona, ndiya kuthi vu khona; abantu bakowenu baya kuba ngabantu bam, uThixo wakho abe nguThixo wam;

17. apho ùfela khona, ndiya kufela khona, ndingcwatyelwe khona. Makenjenje uYehova kum, aphinde ukwenjenje: kukufa kodwa okuya kundahlula nawe.

funda isahluko epheleleyo Urute 1