1. Ke kaloku kwathi ngemihla yokulawula kwabagwebi, kwabakho indlala elizweni. Yahamba indoda yaseBhetelehem yakwaYuda, yaza yaphambukela elizweni lakwaMowabhi, yona nomkayo, noonyana bayo bobabini.
2. Ke igama laloo ndoda lalinguElimeleki, igama lomkayo linguNahomi; amagama oonyana bayo babengooMalon noKiliyon, bengamaEfrata aseBhetelehem yakwaYuda. Baya ke elizweni lakwaMowabhi, baba khona.