Testamente Endala

Testamente Entsha

Uobhadiya 1:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Aya kuqhiphuka umbilini amagorha akho, Teman, ukuze banqanyulwe bonke ezintabeni zakwaEsawu ngokubulawa.

10. Ngenxa yokumgonyamela kwakho umninawa wakho uYakobi, kuya kukugubungela ukudana, unqanyulwe ngonaphakade.

11. Ngemini owabumi malunga naye, mini abasemzini bathimba ubutyebi bakhe, abolunye uhlanga béza emasangweni akhe, bayenzela amaqashiso iYerusalem: nawe wawunjengomnye wabo.

12. Musa ukukhangela kwimini yomninawa wakho ngemini yeshwangusha lakhe, ungabavuyeleli oonyana bakaYuda ngemini yenkxwaleko yabo; ungàsineki ngemini yembandezelo.

13. Musa ukungena esangweni labantu bam ngemini yeshwangusha labo, ungakhangeli nawe ebubini babo ngemini yeshwangusha labo, ungasi sandla ebutyebini babo ngemini yeshwangusha labo.

14. Musa ukuma ekwahlukaneni kweendlela, ukuze unqumle abasabayo bakubo; ungabanikeli abaseleyo bakubo ngemini yembandezelo.

15. Ngokuba isondele imini kaYehova kuzo zonke iintlanga. Njengoko wenzé ngako, kuya kwenjiwa njalo kuwe; okwenzileyo kuya kubuyela entlokweni yakho.

16. Ngokuba njengoko niselé ngako entabeni yam engcwele, ziya kuhlala zisela ngokunjalo zonke iintlanga, zisèle zibizele, zibe njengabangàbángakho.

17. Ke, entabeni yeZiyon kuya kubakho okusindileyo, kube yingcwele; indlu kaYakobi izihluthe iindawo eyazihluthwayo.

18. Indlu kaYakobi iya kuba ngumlilo, nendlu kaYosefu ibe lilangatye; indlu kaEsawu ibe ziindiza, batshise phakathi kwabo, babadle, kungabikho usalayo wasendlwini kaEsawu; ngokuba uYehova uthethile.

19. Abakwelasezantsi bozithimba iintaba zakwaEsawu; nabasezithabazini bahluthe amaFilisti; bahluthe isisimi sakwaEfrayim, nesisimi sakwaSamari; uBhenjamin ahluthe elaseGiliyadi.

funda isahluko epheleleyo Uobhadiya 1