Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 9:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wena unguYehova wedwa, wena wenza izulu, izulu lawo amazulu, nomkhosi wawo wonke, umhlaba nento yonke ephezu kwawo, iilwandle neento zonke ezikhona, uzidilisa ubomi zonke ezo zinto; umkhosi wamazulu uqubuda kuwe.

7. Wena unguYehova, uThixo owanyula uAbram, wamkhupha eUre yamaKaledi, wamthiya igama elinguAbraham.

8. Wayifumana intliziyo yakhe inyanisekile phambi kwakho, wenza naye umnqophiso wokulinika ilizwe lamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaYebhusi, namaGirgashi, wokulinika imbewu yakhe; wawamisa ke amazwi akho, ngokuba ùlilungisa.

9. Wazibona iintsizi zoobawo eYiputa, wakúva ukukhala kwabo eLwandle oluBomvu;*

10. wenza imiqondiso nezimanga kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakubantu bonke belizwe lakhe, ngokuba ubusazi ukuba baye bebakhukhumalele; wazenzela igama njengoko kunjalo nanamhla.

11. Walwahlula ulwandle phambi kwabo; bawela elwandle komile, abasukeli babo wabazulumbela ezinzulwini njengelitye emanzini anamandla.

12. Wabakhokela ngomqulu welifu emini, nangomqulu womlilo ebusuku, ukuba ubakhanyisele indlela ababehamba ngayo.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 9