Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 9:3-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Bema endaweni yabo, belesa encwadini yomyalelo kaYehova uThixo wabo, isahlulo sesiné semini; esinye isahlulo sesiné bexela izono zabo, bemnqula uYehova uThixo wabo.

4. Benyuka bema esikhwelweni sabaLevi ooYeshuwa noBhani, noKademiyeli, noShebhaniya, noBhuni, noSherebhiya, noBhani, noKenani; bamemeza ngezwi elikhulu kuYehova uThixo wabo.

5. Bathi abaLevi, ooYeshuwa, noKademiyeli, noBhani, noHashabheneya, noSherebhiya, noHodiya, noShebhaniya, noPetaya:Sukani nime. Bongani uYehova uThixo wenu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni.Malibongwe igama lobuqaqawuli bakho, elikuphakameleyo konke ukubonga nokudumisa.

6. Wena unguYehova wedwa, wena wenza izulu, izulu lawo amazulu, nomkhosi wawo wonke, umhlaba nento yonke ephezu kwawo, iilwandle neento zonke ezikhona, uzidilisa ubomi zonke ezo zinto; umkhosi wamazulu uqubuda kuwe.

7. Wena unguYehova, uThixo owanyula uAbram, wamkhupha eUre yamaKaledi, wamthiya igama elinguAbraham.

8. Wayifumana intliziyo yakhe inyanisekile phambi kwakho, wenza naye umnqophiso wokulinika ilizwe lamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaYebhusi, namaGirgashi, wokulinika imbewu yakhe; wawamisa ke amazwi akho, ngokuba ùlilungisa.

9. Wazibona iintsizi zoobawo eYiputa, wakúva ukukhala kwabo eLwandle oluBomvu;*

10. wenza imiqondiso nezimanga kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakubantu bonke belizwe lakhe, ngokuba ubusazi ukuba baye bebakhukhumalele; wazenzela igama njengoko kunjalo nanamhla.

11. Walwahlula ulwandle phambi kwabo; bawela elwandle komile, abasukeli babo wabazulumbela ezinzulwini njengelitye emanzini anamandla.

12. Wabakhokela ngomqulu welifu emini, nangomqulu womlilo ebusuku, ukuba ubakhanyisele indlela ababehamba ngayo.

13. Wehla phezu kwentaba yeSinayi, wathetha nabo uvela emazulwini, wabanika amasiko athe tye, nemiyalelo eyinyaniso, nemimiselo, nemithetho elungileyo;

14. wabazisa isabatha yakho engcwele, wabamisela imithetho, nemimiselo, nomyalelo, ngesandla sikaMoses umkhonzi wakho.

15. Wabanika isonka sasezulwini ngenxa yokulamba kwabo, wabavelisela namanzi engxondorheni ngenxa yokunxanwa kwabo; wathi kubo, mabaye kulihlutha ilizwe, owabaphakamisela isandla sakho, ukuba wobanika lona.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 9