Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 9:28-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Bakuba nokuphumla, babuya benza okubi phambi kwakho, wabashiya ezandleni zeentshaba zabo, zabanyathela. Babuya bakhala kuwe; wena weva usemazulwini, wabahlangula ngokweemfesane zakho amaxesha amaninzi.

29. Wangqina ngabo, ukuba ubabùyisele emyalelweni wakho; ke bona bakhukhumala, abayiphulaphula imithetho yakho; amasiko akho bóna kuwo, awothi umntu owenzayo aphile ngawo; bamangala negxalaba, bazenza lukhuni iintamo zabo, abaphulaphula.

30. Wabathwala iminyaka emininzi, wangqina ngabo ngoMoya wakho, ngabaprofeti bakho; àbakubekela ndlebe; wabanikela ke ezandleni zezizwe zamazwe.

31. Ke ngeemfesane zakho ezinkulu akubagqibanga kuphele, akubashiyanga; ngokuba unguThixo onobabalo, nemfesane.

32. Kaloku, Thixo wethu, Thixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ogcina umnqophiso nenceba, mayingabi ncinane phambi kwakho yonke indiniso esiyifumeneyo thina, nookumkani bethu, nabathetheli bethu, nababingeleli bethu, nabaprofeti bethu, noobawo, nabantu bakho bonke, kususela kwimihla yookumkani baseAsiriya, kude kube yile mini.

33. Ùlilungisa entweni yonke esifikeleyo; ngokuba wena wenzé inyaniso, ke thina senzé okungendawo.

34. Ookumkani bethu, nabathetheli bethu, nababingeleli bethu, noobawo, abawenzanga umyalelo wakho, abazibazanga iindlebe emithethweni yakho, nasezingqinweni zakho, owangqina ngazo ngabo.

35. Bòna, ebukumkanini babo, ekulungeni kwakho okukhulu owabanikayo, ezweni elibanzi, elityebileyo, owabanikayo, àbakukhonzanga, ababuyanga ezenzweni zabo ezibi.

36. Yabona, singabakhonzi namhla; nelizwe owalinika oobawo, ukuba sidle iziqhamo zalo nokulunga kwalo, nanku singabakhonzi kulo.

37. Ungeniselo lwalo lilwandisela ookumkani, owabamisa phezu kwethu ngenxa yezono zethu; bayayilawula imizimba yethu neenkomo zethu, ngokuzithandela kwabo; sisembandezelweni enkulu.

38. Ngezo zinto zonke senza umnqophiso wenene, sawubhala; bawutywina abathetheli bethu, nabaLevi bethu, nababingeleli bethu.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 9