Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 9:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku ngomhla wamashumi amabini anesiné waloo nyanga, bahlanganisana oonyana bakaSirayeli, bezila ukudla, beneengubo ezirhwexayo, bezigalele umhlaba.

2. Yazahlula imbewu kaSirayeli koonyana bonke bolunye uhlanga, bema bazixela izono zabo, nobugwenxa booyise.

3. Bema endaweni yabo, belesa encwadini yomyalelo kaYehova uThixo wabo, isahlulo sesiné semini; esinye isahlulo sesiné bexela izono zabo, bemnqula uYehova uThixo wabo.

4. Benyuka bema esikhwelweni sabaLevi ooYeshuwa noBhani, noKademiyeli, noShebhaniya, noBhuni, noSherebhiya, noBhani, noKenani; bamemeza ngezwi elikhulu kuYehova uThixo wabo.

5. Bathi abaLevi, ooYeshuwa, noKademiyeli, noBhani, noHashabheneya, noSherebhiya, noHodiya, noShebhaniya, noPetaya:Sukani nime. Bongani uYehova uThixo wenu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni.Malibongwe igama lobuqaqawuli bakho, elikuphakameleyo konke ukubonga nokudumisa.

6. Wena unguYehova wedwa, wena wenza izulu, izulu lawo amazulu, nomkhosi wawo wonke, umhlaba nento yonke ephezu kwawo, iilwandle neento zonke ezikhona, uzidilisa ubomi zonke ezo zinto; umkhosi wamazulu uqubuda kuwe.

7. Wena unguYehova, uThixo owanyula uAbram, wamkhupha eUre yamaKaledi, wamthiya igama elinguAbraham.

8. Wayifumana intliziyo yakhe inyanisekile phambi kwakho, wenza naye umnqophiso wokulinika ilizwe lamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaYebhusi, namaGirgashi, wokulinika imbewu yakhe; wawamisa ke amazwi akho, ngokuba ùlilungisa.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 9