Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 8:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bahlangana bonke abantu njengamntu mnye endaweni yembutho ephambi kwesango lamanzi, bathi kuEzra umbhali, makazise incwadi yomyalelo kaMoses, awawumiselayo uYehova kumaSirayeli.

2. UEzra umbingeleli wawuzisa umyalelo phambi kwebandla elo, lithabathele kwindoda lesa kumfazi, nakubo bonke abanokuva baqonde, ngomhla wokuqala wenyanga yesixhenxe.

3. Walesa kuwo phambi kwendawo yembutho ephambi kwesango lamanzi, eqale ekuseni kwada kwaba semini enkulu, phambi kwamadoda nabafazi, nabasebenokuqonda; iindlebe zabantu bonke zaphulaphula loo ncwadi yomyalelo.

4. Wema ke uEzra umbhali esikhwelweni somthi, ababesenzele loo nto. Kwema ngakuye uMatitiya, noShema, noAnaya, noUriya, noHilekiya, noMahaseya, ngasekunene kwakhe; ngasekholo yanguPedaya, noMishayeli, noMalekiya, noHashum, noHashebhadana, noZekariya, noMeshulam.

5. UEzra wayivula incwadi emehlweni abantu bonke (ngokuba wayebaphakamele abantu bonke); akuyivula, bema abantu bonke.

6. UEzra wambonga uYehova, uThixo omkhulu. Baphendula bonke abantu, bathi, Amen, amen, bephakamisa izandla zabo. Bathoba, baqubuda kuYehova, bebhekise ubuso babo emhlabeni.

7. OoYeshuwa, noBhani noSherebhiya, noYamin, noAkubhi, noShabhetayi, noHodiya, noMahaseya, noKelita, noAzariya, noYozabhadi, noHanan, noPelaya, nabaLevi, babaqondisa abantu umyalelo, abantu bemi ezindaweni zabo.

8. Balesa encwadini, emyalelweni kaThixo, ngokucacileyo, beqononondisa; bakúqonda ke ukulesa oku.

9. Wathi uNehemiya oyirhuluneli, noEzra umbingeleli, umbhali, nabaLevi abazondisa abantu, ebantwini bonke, Le mini ingcwele kuYehova uThixo wethu; musani ukwenza isijwili, musani ukulila. Ngokuba babelila bonke abantu, bakuweva amazwi omyalelo lowo.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 8