Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 8:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bahlangana bonke abantu njengamntu mnye endaweni yembutho ephambi kwesango lamanzi, bathi kuEzra umbhali, makazise incwadi yomyalelo kaMoses, awawumiselayo uYehova kumaSirayeli.

2. UEzra umbingeleli wawuzisa umyalelo phambi kwebandla elo, lithabathele kwindoda lesa kumfazi, nakubo bonke abanokuva baqonde, ngomhla wokuqala wenyanga yesixhenxe.

3. Walesa kuwo phambi kwendawo yembutho ephambi kwesango lamanzi, eqale ekuseni kwada kwaba semini enkulu, phambi kwamadoda nabafazi, nabasebenokuqonda; iindlebe zabantu bonke zaphulaphula loo ncwadi yomyalelo.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 8