Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 7:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku kwathi, lwakwakhiwa udonga, ndazifaka iingcango; bamiswa abamasango, nabavumi, nabaLevi, ukuba bagcine umsebenzi wabo.

2. Ndamwisela umthetho uHanani umzalwana wam, noHananiya umphathi wenqaba, ngeYerusalem; ngokuba ebeyindoda enyanisekileyo, emoyikayo uThixo ngaphezu kwabaninzi.

3. Ndathi kubo, Amasango aseYerusalem makangavulwa, lide lifudumale ilanga; bathi, besemi belinda, bazivale iingcango, bazitshixe; nimise abagcini abangabemi baseYerusalem, elowo abe selugcinweni lwakhe, elowo abe phambi kwendlu yakhe.

4. Umzi ububanzi ngeenxa zombini, umkhulu; abantu bembalwa phakathi kwawo, kungakhiwanga zindlu.

5. UThixo wam wangenisa entliziyweni yam, ukuba ndibabuthe abanumzana, nabaphathi, nabantu, ukuba ndibabhalele emilibeni yokuzalwa. Ndafumana incwadi yemilibo yokuzalwa kwâbo babenyuke ekuqaleni; ndafumana kubhaliwe khona kwathiwa:

6. Ngabo aba oonyana belizwe lakwaYuda, abanyukáyo kwabathinjiweyo basemfudusweni, awayebafudusile uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ábabuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo,

7. abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noAzariya, noRahamiya, noNahamani, noMordekayi, noBhileshan, noMisperete, noBhigevayi, noNehum, noBhahana.Inani lamadoda, abantu bakwaSirayeli, yayileli:

8. oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.

9. Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini.

10. Oonyana baka-Ara ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anababini.

11. Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini, anamakhulu asibhozo, anashumi linye linesibhozo.

12. Oonyana bakaElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabané.

13. Oonyana bakaZatu ibingamakhulu asibhozo, anamanci mané anabahlanu.

14. Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 7