Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 6:7-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kananjalo ùmise abaprofeti bokumemeza ngawe eYerusalem, besithi, Kumkani wamaYuda! Ngoko ke kuya kuvakala kukumkani ngokwaloo mazwi; yiza ke ngoko, sicebisane.

8. Ndathumela kuye, ndathi, Akukho nto injengaleyo uyithethayo, iyiloo nto uyicamngce entliziyweni yakho.

9. Ngokuba bonke bephela bebesoyikisa, besithi, Izandla zawo ziya kuwuyeka lo msebenzi, ungènziwa. Ngoko, Thixo, zomeleze izandla zam.

10. Ndaya endlwini kaShemaya unyana kaDelaya, unyana kaMehetabheli, evalelwe; wathi, Masihlangane endlwini kaThixo, ngaphakathi kwetempile, sizivale iingcango zetempile leyo; ngokuba baza kukubulala; ebusuku baya kuza kukubulala.

11. Ndathi, Kubáleke indoda enjengam nje na? Yiyiphi na enjengam eya kungena etempileni isinde? Andiyi kungena.

12. Ndaqonda: O! AsinguThixo lo umthumileyo; isiprofeto esi usithethé ngam ngokuqeshwa nguSanebhalati noTobhiya.

13. Ubeqeshelwe ukuze ndoyike, ndenze loo nto, ndone; ndibe negama elibi kubo, ukuze bandingcikive.

14. Bakhúmbule, Thixo wam, ooTobhiya noSanebhalati ngokwezo zenzo zabo, kwanoNowadiya umprofetikazi, nabanye abaprofeti ababendoyikisa.

15. Lwagqitywa udonga ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kaEluli, ngemihla emashumi mahlanu anamibini.

16. Kwathi zakukuva oko iintshaba zethu zonke, zoyika zonke iintlanga ezisijikelezileyo, zetha amandla emehlweni azo, zazi ukuba kuvele kuThixo wethu ukwenziwa kwalo msebenzi.

17. Kananjalo ngaloo mihla, abanumzana bakwaYuda bazongeza iincwadi eziya kuTobhiya, nezikaTobhiya bezisiza kubo.

18. Ngokuba bebebaninzi kwaYuda ababemfungele; ngokuba ebengumyeni kwaShekaniya unyana ka-Ara; noYohanan unyana wakhe ubezeke intombi kaMeshulam unyana kaBherekiya.

19. Kananjalo ukulunga kwakhe babekuthetha phambi kwam, namazwi am bewasa kuye. UTobhiya wathumela iincwadi zokundoyikisa.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 6