Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 5:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kananjalo kususela kumhla endamiselwa ukuba ndibe libamba labo ezweni lakwaYuda, ndithabathela kumnyaka wamashumi amabini, ndezisa kumnyaka wamashumi amathathu anamibini ka-Artashashta ukumkani, iyiminyaka elishumi elinamibini, mna nabazalwana bam asidlanga kudla kwabamba.

15. Ke amabamba okuqala abephambi kwam enza kwaba nzima ebantwini, athabatha kubo isonka newayini; emveni koko athabatha amashumi amané eeshekele* zesilivere; kananjalo amadodana akwawo enza ngegunya ebantwini. Ke mna andenjanga njalo, ngokoyika uThixo.

16. Kananjalo ndabamba emsebenzini wolo donga; asithenganga masimi; onke amadodana akwam ayehlanganisene khona emsebenzini.

17. Ke amaYuda, abaphathi, amadoda alikhulu elinamanci mahlanu, kwanawezáyo kuthi, evela ezintlangeni ezisijikelezileyo, abe esetafileni yam.

18. Into ebe ilungiselelwa imini enye yaba yinkomo, neegusha ezikhethiweyo ezintandathu, neentaka, bekusenzelwa mna; neentlobo zonke ezininzi zewayini ngeentsuku ezilishumi; kuloo nto andibizanga kudla kwabamba, ngokuba yayinzima inkonzo phezu kwaba bantu.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 5