7. Ngakubo kwakulungiswa nguMelatiya waseGibheyon, noYadon waseMeronoti, namadoda aseGibheyon nawaseMizpa; kwesa esihlalweni sebamba langaneno koMlambo.*
8. Ngakuye kwakulungiswa ngu-Uziyeli unyana kaHarehaya, weengcibi zegolide; ngakuye kulungiswa nguHananiya unyana wabaqholi; bayakha iYerusalem, basa eludongeni olubanzi.
9. Ngakubo kwakulungiswa nguRefaya unyana kaHure, umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem;
10. ngakubo kulungiswa nguYedaya unyana kaHarumafi, malungana nendlu yakhe; ngakuye kulungiswa nguHatushe unyana kaHashabheniya.
11. Esinye isithuba sesibini nenqaba ende yamaziko sasilungiswa nguMalekiya unyana kaHarim, noHashubhi unyana kaPahati, wakwaMowabhi.
12. Ngakuye kwakulungiswa nguShalum unyana kaHaloheshe. umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem; yena neentombi zakhe.
13. Isango lomfula lalilungiswa nguHanun nabemi baseZanowa; bona balakha, bazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo, newaka leekubhite* eludongeni, kwada kwesa esangweni lezàla.
14. Isango lezàla lalilungiswa nguMalekiya unyana kaRekabhi, umphathi wesithili seBhete-kerem; walakha, wazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo.
15. Isango lomthombo lalilungiswa nguShalum unyana kaKoli-hoze, umphathi wesithili saseMizpa; yena walakha, walifulela, wazifaka iingcango zalo, nezitshixo zalo, nemivalo yalo; walulungisa nodonga lwechibi leSilowa ngasemyezweni wokumkani; kwesa ezinyukweni zokuhla, kuvelwa emzini kaDavide.
16. Emva kwakhe kwakulungiswa nguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umphathi wesiqingatha sesithili seBhete-tsure, kwesa malunga namangcwaba kaDavide, kwesa echibini elibe lenziwe, kwesa nasendlwini yamagorha.
17. Emva kwakhe kwakulungiswa ngabaLevi bakaRehum, unyana kaBhani; ngakuye kulungiswa nguHashabhiya, umphathi wesiqingatha sesithili seKehila, esithilini sakhe.