Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 10:32-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Sizimisele imithetho yokubeka phezu kwethu isahlulo sesithathu seshekele* ngomnyaka, ngenxa yenkonzo yendlu kaThixo wethu:

33. ngenxa yezonka ezicwangcisiweyo, nomnikelo wokudla wamaxesha onke, nangenxa yedini elinyukayo lamaxesha onke, nelesabatha, nelokuthwasa kwenyanga, nangenxa yamaxesha amisiweyo, nangenxa yezinto ezingcwele, nangenxa yamadini ezono okucamagushela amaSirayeli, nomsebenzi wonke wendlu kaThixo wethu.

34. Sibawisele amaqashiso ngomsondezo weenkuni ababingeleli, nabaLevi, nabantu, ukuba ziziswe endlwini kaThixo wethu, ngokwezindlu zethu zooyise, ngamaxesha amisiweyo, iminyaka ngeminyaka, ukuba zibaswe esibingelelweni sikaYehova uThixo wethu, ngoko kubhaliweyo emyalelweni;

35. sizíse iintlahlela zomhlaba wethu, neentlahlela zeziqhamo zonke zemithi yonke, iminyaka ngeminyaka, endlwini kaYehova;

36. nabamazibulo koonyana bethu nawemfuyo yethu, ngoko kubhaliweyo emyalelweni, namazibulo eenkomo zethu, nawempahla emfutshane, siwazìse endlwini kaThixo wethu, kubabingeleli abalungiselelayo endlwini kaThixo wethu;

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 10