Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 10:20-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. noMagepihashe, noMeshulam, noHezire,

21. noMeshezabheli, noTsadoki, noYaduwa,

22. noPelatiya, noHanan, noAnaya,

23. noHosheya, noHananiya, noHashubhi,

24. noHaloheshe, noPileha, noShobheki,

25. noRehum, noHashabena, noMahaseya,

26. noAhiya, noHanan, noAnan,

27. noMaluki, noHarim, noBhahana.

28. Abanye abantu, ababingeleli, nabaLevi, nabamasango, neemvumi, nabakhonzi betempile, nabo bonke ababezahlule kwizizwe zamazwe, beza emyalelweni kaThixo; abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, bonke abasebenokwazi nokuqonda.

29. Babambelela kubazalwana babo, iingangamsha zabo, bangena esiqalekisweni nasesifungweni sokuhamba ngomyalelo kaThixo, owawiswa ngesandla sikaMoses umkhonzi kaThixo, nokuyigcina nokuyenza yonke imithetho kaYehova iNkosi yethu, namasiko akhe, nemimiselo yakhe:

30. singàzendiseli iintombi zethu kwizizwe zeli lizwe, singabazekeli oonyana bethu iintombi zazo;

31. sithi izizwe zeli lizwe ezizisa izinto zentengo, nengqolowa, nokuba yiyiphi, ngemini yesabatha, zithengisa, singathengi kuzo ngesabatha nangomhla ongcwele; siwuyeke ulale umnyaka wesixhenxe, nento ebolekiweyo sisandla nokuba sesikabani.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 10