kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7

Testamente Endala

Testamente Entsha

Umika 7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Ukugonyamela nenkohlakalo eluntwini

1. Athi ke mna! Kuba ndisuke ndaba njengokuhlanganiswa kweziqhamo zasehlotyeni, njengokubhikicwa kweediliya; akukho sihloko sakudliwa; akukho khiwane liqalelayo, linqwenelwayo ngumphefumlo wam.

2. Udakile owenceba, àkabakho ehlabathini; akasekho nothe tye phakathi koluntu; bonke bephela balalela igazi, elowo uzingela umzalwana wakhe ngomnatha.

3. Izandla zabo zozibini zisentweni embi ukuba ziyifeze; uthi umthetheli acele ngegunya, umgwebi enzele umvuzo; omkhulu yena uthetha ububi bomphefumlo wakhe; benjenjalo ke ukuyiphotha.

4. Olungileyo kubo unjengomtholo, othe tye ugqithisele nakuthango lweminga; iyéza imini yababoniseli bakho, yokuvelelwa kwakho, kubekho ngoku ukudideka kwabo.

5. Musani ukukholwa nguwenu, ningakholosi ngekholwane; nakolele esifubeni sakho, zígcine iingcango zomlomo wakho.

6. Ngokuba unyana úmenza isidenge uyise, intombi isukela phezulu kunina, umolokazana kuninazala; iintshaba zomntu ngabantu bendlu yakhe.

Inkoloseko kaSirayeli kuThixo

7. Mna ke ndiya kuqwalasela kuYehova; ndiya kulindela kuThixo wokusindiswa kwam; úya kundiva uThixo wam.

8. Musa ukundivuyelela, lutshaba lwam; kuba, ndíwile nje, ndiya kubuya ndivuke; kuba, ndíhleli emnyameni nje, uYehova uya kuba kukukhanya kum.

9. Ukujala kukaYehova ndiya kukuthwala, kuba ndonile kuye, ade andithethelele etyaleni lam, andilungisele; uya kundikhuphela ekukhanyeni; ndiya kububona ubulungisa bakhe.

10. Ke utshaba lwam luya kubona, lugutyungelwe kukudana, obe lusithi kum, Uphi na uYehova, uThixo wakho? Amehlo am aya kulubona; kungoku luya kunyathelwa njengodaka lwezitrato.

11. Iyéza imini yokwakhiwa kweendonga zakho; ngaloo mini úya kuba kude ummiselo.

12. Ngaloo mini boza kuwe, bevela eAsiriya nasemizini yaseYiputa, bethabathela eYiputa, bade base kuwo uMlambo;* bethabathela elwandle, base elwandle; bethabathela entabeni base entabeni.

13. Kuya kuba senkangala elizweni, ngenxa yabemi balo, ngenxa yeziqhamo zeentlondi zabo.

14. Yalusa abantu bakho ngentonga yakho, iigusha zelifa lakho, ezihleli zodwa, ehlathini phakathi kweKarmele; mazidle eBhashan nakwelaseGiliyadi, ngokweemini zasephakadeni.

15. Ngokweemini zokuphuma kwakho ezweni laseYiputa, ndiya kubabonisa imisebenzi ebalulekileyo.

16. Iintlanga ziya kubona, zibudanele ubugorha bazo bonke; ziya kubeka isandla emlonyeni, iindlebe zazo ziya kuba zizithulu.

17. Ziya kukhotha uthuli njengenyoka, njengezinambuzane zehlabathi; ziya kuphuma zigungqa ekuvingcelweni kwazo; ziya kuya zinkwantya kuYehova uThixo wethu, zoyike phambi kwakho.

Iinceba zikaThixo ezingenamlinganiselo

18. Ngubani na onguThixo onjengawe, oxolela ubugwenxa, adlule esikreqweni samasalela elifa lakhe? Akawugcini unaphakade umsindo wakhe; kuba yena uthanda ukwenza inceba.

19. Wóbuya abe nemfesane kuthi, abunyathelele phantsi ubugwenxa bethu; wòziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo.

20. Ùya kumnika uYakobi inyaniso, umnike uAbraham inceba, owabafungela yona oobawo kususela kwimihla yamandulo.