kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7

Testamente Endala

Testamente Entsha

Umika 6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Ukuphikisana kukaYehova nabantu bakhe

1. Khanive akuthethayo uYehova; uthi, Suk' ume, ubambane neentaba, iinduli zilive ilizwi lakho.

2. Yivani, zintaba, ukubambana kukaYehova, nani zimakade, ziseko zehlabathi; kuba uYehova ubambene nabantu bakhe, uya kuphikisana namaSirayeli.

3. Bantu bam, ndenzé ntoni na kuni? Ndinidinisé ngantoni na?

4. Ndíphenduleni. Ngokuba ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhulula endlwini yamakhoboka, ndathuma phambi kwenu ooMoses, noAron, noMiriyam.

5. Bantu bam, khanikukhumbule ukucebisa kukaBhalaki ukumkani wakwaMowabhi, nokuphendula kukaBhileham unyana kaBhehori, ethabathela eShitim, wada wesa eGiligali, ukuze niyazi imisebenzi kaYehova yobulungisa.

Unqulo oluyinyaniso

6. Ndiya kumkhawulela uYehova ndinantoni na? Ndiye kuzigoba na kuThixo ophezulu? Ndiya kumkhawulela ndinamadini anyukayo na, ndínamathole amnyaka mnye na?

7. Wókholiswa na uYehova ngamawaka eenkunzi zezimvu, ngamawaka alishumi emilambo yeoli? Ndorhola owamazibulo na ngenxa yesikreqo sam, isiqhamo somzimba wam na ngenxa yesono somphefumlo wam?

8. Ùxelelwe, mntundini, okulungileyo: akubizayo uYehova kuwe, kukuthi wenze okusesikweni, uthande inceba, uhambe noThixo wakho ngokuthozamileyo.

Ukungathembeki nesohlwayo sako

9. Izwi likaYehova libhekisa kuwo umzi ukubiza, igama lakho liyayibona eyona nto iyiyo. Yiveni intonga, nalowo uyiyalelayo.

10. Busekho na ubuncwane bokungendawo endlwini yongendawo, ne-efa* edlekileyo, ebhavunyelweyo?

11. Ndoqaqamba na ndinesikali* sokungendawo, ndinengxowa yamatye* enkohliso?

12. Kuba izityebi zakhona zizele lugonyamelo, nabemi bakhona bathethé ubuxoki, nolwimi lwabo lubé lunenkohliso emlonyeni wabo.

13. Nam ke ndikuxábele ngokubulalayo, ndikuphanzisile ngenxa yezono zakho.

14. Wena uya kudla, ungahluthi, uhlale unephango; usabise, ungasindisi; nokusindileyo ndikunikèle ekreleni.

15. Wena uya kuhlwayela, ungàvuni; wena uya kuxovula umnquma, ungàzithambisi ngeoli; uxovule iwayini entsha, ungàseli wayini.

16. Bazigcinela imimiselo kaOmri, nezenzo zonke zendlu ka-Ahabhi, nisuke nihambe ngamacebo abo; ukuze ndinènze nibe ngummangaliso, nabemi bayo babe ngumsondlo; ngoko niya kuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.