Testamente Endala

Testamente Entsha

Umalaki 1:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Uthi uYehova, Ndinithandile; ke nina nithi, Ùsithandé ngokuthini na? UEsawu asingumkhuluwa kaYakobi na? utsho uYehova; ukanti ndathanda ke uYakobi;

3. ndamthiya uEsawu; iintaba zakhe ndazenza kwaba senkangala, nelifa lakhe laba leleempungutye entlango.

4. Ekubeni ke uEdom esithi, Sivikivekile, siya kubuya siwakhe amanxuwa; utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kwakha bona, kodwa mna ndiya kugungxula; kothiwa, Bangumda wokungendawo, ngabantu ábabhavumelayo uYehova kude kuse ephakadeni.

5. Amehlo enu aya kubona, níthi ke nina, Mkhulu uYehova phezu komda wakwaSirayeli.

6. Unyana uyambeka uyise, umkhonzi uyayihlonela inkosi yakhe; ukuba ndinguyihlo, kuphi na ke ukubekwa kwam? ukuba ndiyinkosi, kuphi na ukoyikwa kwam? utsho uYehova wemikhosi kuni, babingeleli, nina balidelileyo igama lam. Nibe ke nisithi, Silidelé ngokuthini na igama lakho?

7. Nina nizisa esibingelelweni sam isonka esingcolileyo, nibe ke nisithi, Sikungcolisé ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova sidelekile sona.

funda isahluko epheleleyo Umalaki 1