Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 66:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. nam ke ndiya kunyula iimfeketho zokufeketha ngabo, ndibazìsele izinto ezibanxunguphalisayo; ngenxa enokuba ndabizayo, akwabakho usabelayo; ndathetha, abeva; besuka benza ububi emehlweni am, banyula nento endingayinanzileyo.

5. Liveni ilizwi likaYehova, nina nigubhayo ngelizwi lakhe; uthi, Abazalwana benu abanithiyayo, abanigxotháyo kubo ngenxa yegama lam, bathi, Makazizukise uYehova, sibone imivuyo yenu; baya kudana ke bona.

6. Phulaphulani isandi esiphuma kuwo umzi; ilizwi eliphuma etempileni; ilizwi likaYehova, ephindezela impatho yeentshaba zakhe.

7. Ingekazibhijabhiji, yazala; ingekezi inimba kuyo, yathi tyibilili umntwana oyinkwenkwe.

8. Ngubani na okhe weva kunjalo? Ngubani na okhe wabona izinto ezinjalo? Kuya kuzalwa ilizwe ngamininye na? Kuzalwa uhlanga ngasihlandlo sinye na? Ngokuba isathi ukuthi ukuzibhijabhija, yabazala onyana bayo iZiyon.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 66