Liveni ilizwi likaYehova, nina nigubhayo ngelizwi lakhe; uthi, Abazalwana benu abanithiyayo, abanigxotháyo kubo ngenxa yegama lam, bathi, Makazizukise uYehova, sibone imivuyo yenu; baya kudana ke bona.