Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 66:13-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Njengomntu othuthuzelwa ngunina, ndiya kwenjenjalo mna ukunithuthuzela, nithuthuzelwe eYerusalem.

14. Nobona, ibe nemihlali intliziyo yenu, ahlume amathambo enu njengohlaza, sazeke isandla sikaYehova ebakhonzini bakhe, azibhavumele iintshaba zakhe.

15. Kuba, yabonani, uYehova uya kuza ngomlilo, zinjengesaqhwithi iinqwelo zakhe zokulwa, ukuze abuyekeze umsindo wakhe ngobushushu, nokukhalima kwakhe ngamalangatye omlilo.

16. Kuba uYehova uya kuyigweba ngomlilo nangekrele lakhe inyama yonke, babe baninzi ababuleweyo nguYehova.

17. Abo bazingcwalisayo, bazihlambululele imiyezo, bexelisa omnye ongaphakathi, badle inyama yehagu, nento enezothe, nempuku, baya kuphela kunye; utsho uYehova.

18. Mna ke, ndiyazazi izenzo zabo neengcinga zabo.Kobakho ixesha lokuba zihlanganisane zonke iintlanga neelwimi, zize zibubone ubuqaqawuli bam;

19. ndomisa umqondiso phakathi kwazo, ndithume abasindileyo kuzo, baye ezintlangeni ezingooTarshishe, noPuli, noLudi, abatyedi besaphetha; ezingooTubhali noYavan, eziqithini ezikude ezingazivanga iindaba zam, ezingabubonanga ubuqaqawuli bam, babuxele ubuqaqawuli bam ezintlangeni.

20. Baya kubazìsa bonke abazalwana benu, bevela nabo ezintlangeni zonke, bengumnikelo kuYehova, bekhwele emahasheni, nasezinqwelweni, nasemathaleni, nakoondlebende, nakwiinkamelakazi, benyuke entabeni yam engcwele eYerusalem, utsho uYehova; kwanjengokuba oonyana bakaSirayeli bewuzisa umnikelo wokudla ngesitya esihlambulukileyo endlwini kaYehova.

21. Ndothabatha nakuzo ezo, zibe ngababingeleli nabaLevi; utsho uYehova.

22. Kuba njengoko amazulu amatsha nehlabathi elitsha endiza kuwenza, amiyo phambi kwam, utsho uYehova, iya kwenjenjalo ukuma imbewu yenu negama lenu;

23. kuthi kuphikelane nokuthwasa kweenyanga zonke, kuphikelane neesabatha zonke, ukuza kwenyama yonke, ukuba iqubude phambi kwam; utsho uYehova.

24. Baya kuphuma babone izidumbu zamadoda akreqileyo kum; kuba iimpethu zabo aziyi kufa, nomlilo wabo ungàcimi, babe linyumnyezi kuluntu lonke.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 66